


Wenjenjalo xa umpakuza
umdiza. Kuyinyaniso ukuba ukutshaya kuyabulala. Xa utshaya ufaka icarbon monoxide, inicotine,
intshongo nezinye izinto eziyingozi emzimbeni
wakho
Yintoni ekumdiza? Khawuyijonge. kubalisa uPRIMROSE WILLlAMS
kufote uDAVE ELLINGER





NGABA UNOKUYITYA
ITYHEFU?


U
 MANDLA wayeneminyaka engama-35 edlamkile, emandla yaye eneminqweno. Wayengumfo okhutheleyo onqwenela ukuthengela usapho lwakhe izinto angazange abe nazo ngaphambili.
Kuthe lingekapheli ishumi leminyaka, xa enama-45 eminyaka wabe uMandla kungasekho yakhe, ephefumla nzima, emini nasebusuku. Atshabalala onke amathemba akhe nakucebele ingomso.
lngxaki kaMandla yayikukutshaya, njengoko usenokuba ubuthelekelela. Bamalunga ne-4,88 yezigidi abantu abatshayayo eMzantsi-Afrika.
NgokweTobacco Action Group (TAG) kufa umntu omnye kwimizuzwana eti-113 ngenxa yezifo ezibangelwa ticuba.
Naxa kunjalo, inkoliso yeentshayi ayiwucingeli umonakalo owenzeka kwimiphunga yazo namanye amalungu abalulekileyo omzimba kuba kugqitha iminyaka emininzi phambi kokuba uvakale umonakalo. Ngokomzekelo iintshayi zinokonakalisa phantse isiqingatha semiphunga yazo zingazi ukuba kukho okonakeleyo.
Umonakalo owenziwa licuba mbi gqitha kunalowo wenziwa zezinye izinto ezonakaliso impilo yabantu. Umsi wecuba unenicotine, icarbon monoxide nentshongo enamachiza angama-40 000 ayityhefu nabangela umhlaza. Wandisa amathuba okuhlaselwa sisifo sentliziyo, iphika, umhlaza wemiphunga, eminye imihlaza nestrowukhu.
lnkoliso yabantu enesifo semithambo yegazi yemilenzeni itshaya imidiza. Kwintshayi eziqhubeka zitshaya kukho amathuba
okuba nesifo sokubola kwelungu elithile emzimbeni okunyanzela ukuba lishunqulwe ngokuhamba kwexesha.
Ukutshaya ngezinye iindlela ungasebenzisi imidiza kubangela ezinye iintlobo zomhlaza. Abantu abatshaya inqawa okanye icigar ngabona bafayo ikakhulu xa bethelekiswa nabantu abangatshayiyo, kodwa inani labo lingaphantsi kwelabatshaya imidiza.
Ukuhlafuna icuba okanye ukusebenzisa igwada kwandisa amathuba okuba nomhlaza emlonyeni nakwimibhobho yokuphefumla. Abasetyhini abasebenzisa igwada ukuze benze libe mnandi nangakumbi isondo bazibeka esichengeni sokuba nomhlaza wesibeleko.
Amadoda aziintshayi asesichengeni sokuba nabantwana abanomhlaza ebuchotsheni neleukemia. Oku kubonisa ukuba ukutshaya kuneziphumo eziyingozi kwimbewu. Bayanda abantwana abazatwa besesichengeni somhlaza okubangelwa ngumsi wecuba elitshaywa nguyise.
Ukongezelela kwezinye iingozi, kukho neengozi zobuni kwiintshayi ezingabafazi kwaneentsana. Ezinye zazo kukukhawuleza uyek ukuya exesheni, ukungathathi, ukukhuleIwa kwiindawo ezingezizo nokuphazamiseka kokuya exesheni.
Abasetyhini
abaziintshayi
nabasebenzisa iipilisi zocwangciso-ntsapho,
basesichengeni sokuba nesifo semithambo yegazi nestrowukhu.
Xa owasetyhini oyintshayi ekhulelwa aze aqhubeke nokutshaya kusenokwenzeka ayiqhomfe Ioo


Ngaphandle unje umphunga
womntu ongatshayiyo.
Amabala amnyama
owabonayo abangelwa
kukungcola komoya, kwaye
abangela iingxaki
ezingaxhomis amehlo.
Oku kungcola kumnyama thsu
ngumphunga wentshayi
enomhlaza.




umoya nezinye izondlo. lzintso zosana, ukusebenza
kwesibindi, ukusebenza kwentliziyo nobuchopho bunokuchaphazeleka kakubi. Akonakaliswa nje impilo yalo kuphela kodwa kwanesidima salo njengommi.
Xa utshaya usancancisa, wenza ukuba umntwana aluncance ubisi lwakho lunenicotine. Awaneli nje ngokufaka ityhefu emzimbeni wosana lwakho kodwa nawe khawutane ucinge nje ukuthi umsi wenza ntoni kuloo miphunga yalo emincinane?
Loo miphunga iyonakala. tsesichengeni sokuba nephika, inyumoniya, ukudumba okungapheliyo kwenwebu yangaphakathi.
lintshayi azizibeki nje esichengeni saba nobangela bangasentla bokufa kodwa babeka nabantu abangatshayiyo esichengeni. Ukuphefumla umsi wecuba kunegalelo ekubeni nomhlaza wemiphunga kwabantu abangatshayiyo. Kwakhona, ukutshaya kunokwenza abanye abantu bakhathazwe ngamehlo, yimibhobho yokuphefumla nokuqaqanjelwa yinttoko. Xa utshaya phakathi kwabantu ubenza nabo batshaye kuba baphetumla umsi wecuba lakho.
Kubathandi bemidlalo, kubalulekile ukuqonda ukuba ukutshaya kubenza bangazisebenzisi kakuhle iziphiwo zabo zokudlala. Akukhathaliseki ukuthi uziqeqesha kangakanani, ukuba ungumdlali oyintshayi, indlela odlala ngayo isenokunganik umdla.
lindaba ezimnandi kukuba mhla uyeka ukutshaya uzandisela iminyaka yokuphila. lnkoliso yabantu eyeka ukutshaya ithothisa umonakalo wempito yabo ingakumbi ukuba baye bakuyeka umlibe ukutshaya.
Cinga okuluncedo. Unokuba nemali, ube sempilweni, udlamke.
BONA XHOSA May 1996 69

Unokuba nemali kuba ukutshaya konakalisa impilo kwaye kufuna imati eninzi. Otshaya ama-20 emidiza ngemini uchitha malunga ne-R11 64,00 ngonyaka.
Ukuba nyhani uzimisele ngokuyeka ukutshaya, ufanele ungabi nangxaki. Ekuphela kwendlela yokuyeka ukutshaya kukusuka nje uyeke, ungathandabuzi. Amakhulu-khulu abantu enjenjalo, aphumelele.
Kuyaqondakala ukuba ukuyeka icuba akuthandeki, kuyakuxhalabisa. kuba likwenza ikhoboka lalo yaye imikhwa engajunganga ikungena lula, kube kunzima ukuyiyeka. Ukucetyiswa okuhle sisa-zinzulu ngengqondo okanye abacebisi kunokukunceda.
lSebe IeMpilo liseke i-Quitline, ukuze incede abantu. Okwangoku abo banqwenela ukuyeka ukutshaya banokufumana amacebiso ngokufowunela kule nombolo: (011) 720 3145, okanye bathunyelelwe incwadana echaza indtela yokuyeka ukutshaya. Ngokuhamba kwexesha kuyathenjwa ukuba iQuitline iza kuba nabacebisi abazizazi-nzulu ngengqondo abaqeqeshiweyo nabacebisa ama-24 eeyure.
Phofu ke, ukuba unomhlobo okanye abahlobo okanye izalamane ezifuna ukuyeka ukutshaya, kutheni ningaseki iQeIa Elizimisele Ukuyeka Ukutshaya? 
Imveku engaqondi, azale ngaphambi kwexesha, izalwe inomzimba omncinane kakhulu, ukuphuma kwesisu kwanokukhula kwemveku ngenxa yokungaphili.
Xa utshaya, ufaka icarbon rnonoxide, inicotine nezinye izinto emzimbeni wakho. Oku kukuchaphazela kakubi ukuthunyelwa kwegazi Iisiya emntwaneni ongekazalwa aze angawufumani
Ukutshaya ukhulelwe kwenza umntwana ongekazalwa abe ngummi ongekho mgangathweni.



 BONA XHOSA - May 1996 kubhale uADELE GOUWS
Nokuba ungumntu ongaziwayo na okanye udumile, sonke siyakuthenga ukutya kwaye siba nezikhalazo ngeesuphamakethi. IBONA ithethe nabantu abadumileyo eMzantsi-Afrika ngokuthenga kwabo esuphamakethi nangabakuthandayo nabangakuthandiyo kuko. Bakwanikwe ithuba Iokucebisa umphathi wakwaShoprite Checkers, uWhitey
Basson.
Uthe okona kumdimaza kakhulu kwisuphamakethi kuxa ufumanisa ukuba okufunayo akukho.
Uthe: Okude kukubangele kube kubi ngakumbi kuxa ubuza umsebenzi aze athi andazi;
UWhitey Basson uphendule wathi:
Sizama kangangoko ukuba iishelufu zethu:
zisoloko zinempahla. Kodwa xa ndingathethelela abasebenzi bethu, apha eMzantsi-Afrika zirnbalwa iivenkile esithenga kuzo, ngenxa yoku impahla zethu zikhawuleza ziphele yaye abasebenzi abanakuyinqanda loo nto. Ekuphela kwento abanokuyenza kukubonisa enye into onokuyithenga endaweni yaleyo engekhoyo.
UTumi oyinkosikazi yeNkulumbuso uPopo Molefe uvakalise inkxalabo ngendlela iisuphakamekthi ezinenxaxheba ngayo kuluntu.
Kumpbathi wakwaShoprite Checkers lo ngumba obalulekileyo. Njengenkampani

USipho Hotstixs Mabuse nenkosikazi yakhe uChici. Kuyacaca ukuba uSipho nguye othenga ukutya, akuthengwa yinkosikazi yakhe.













UMPHATHI
WE: SUPHAMAKETHI UXINWE
 NGEMIBUZO


U_ALYCE
 CHAVANDUKA, umsasazi owaziwayo weendaba kumabonakude, uPJ. Powers, imvumi edumileyo yomculo werock eMzantsi-Afrika, uTumi Molefe, inkosikazi yomongameli wepbondo iNorth West, uSibongile Khuinalo imvumi ephumeleleyo yomculo weopera, uChici Mabuse kunye nendoda yakhe uSipho Hotstixs Mabuse nosomashisbini uRichard
Siluma bebonke bavumile ukumbuza imibuzo uWhitey Basson ophethe iisuphamakethi ezingama-235 zakwaShoprite Checkers ezibonwa zizezona zinamaxabiso aphantsi kweli.
URicbard Siluma, umlawuli neprodyusa yakwaGallo Music Group okwangumbhali womculo nomphathi kaLucky Dube noRay Phiri ngumntu wokuqala esithethe naye.
IJ-Alyce Chavanduka uthe uthanda ukuba ukutya okusis!seko kuziswe emzin! wakhe.

enkulu sinenkolo yokuba iinkampani ezinkulu mazingafumani imali nje kuphela eluntwini oluzikhonzayo. Kufanele abantu abasixhasayo sibabuyisele okuthile kwaye senza loo nto kule yethu inkampani.




UShoprite Checkers uyaluxhasa uluntu arhweba kulo kwaye uqhagamshelana neenkokeli kumaphondo ngamaphondo tnalunga noko zikubona kukokona kubalulekileyo kumaphondo azo, umqinisekise ngelitshoyo uTumi Molefe.
UPJ Powers ubuze uWhitey ukuba ukhe ame na emgceni omde abe engxamile, kodwa ufumanise ukuba kuhlawulwa koomatshini abathathu kuphela. Uthe oku kuyenye yezinto ezimdimazayo ebomini bakhe kangangokuba akasiboni isizathu sokuba le venkile ingabasebenzisi abanye oomatshini xa bebaninzi abathengi abakrozele ukuhlawula.
UWhitey uqhule uPJ ngokumbuza ukuba wakhe wema na emgceni elindele ukuthenga itikiti lekhonsathi yakhe) emva koko wamphendula ngelithi. Asikho isizathu sokuba abathengi beme emigceni emide kwivenkile ephethwe kakuhle. Umphathi wevenkile kumele aqinisekise ukuba zisemgangathweni iinkonzo zevenkile ngalo lonke ixesha. KwaShoprite Checkers kukho inkqubo yokuba xa bonke omatshini bokuhlawula bevaliwe, awufanelanga umgca wabathengi ube nabantu abangaphezulu kwesithathu.
Ukuba oku akwenzeki, ndicela abathengi bakhawuleze babize umphathi wevenkile ukuba azokulungisa loo ngxaki. Ukuba umthengi ufumanisa ukuba umphathi akasabeli ngendlela encumisayo, ndibacebisa ukuba bandibhalele okanye banditsalele umnxeba.
Enye imeko eye ikhathaze uPJ Powers
kuxa ethenga ice cream ukwenzela itheko aze afumanise ukuba imuncu kwaye nomhla ebekufanele ibe ithengiswe ngawo udlule.
UWhitey Basson uthe abathengi mabasoloko beyijonga imihla ukuba ichanile na imihla ekufanele loo mveliso ibe ithengiswe ngawo besesevenkileni. Uthe ukuba loo mhla ebekufanele ukuba ithengiswe ngawo awuqatshelwa kuthetha ukuba umphathi wevenkile akanankathalo. Uthe oko kuyenye yezinto abaphathi bakwaShoprite Checkers abakuxhalabele kakhulu. Uqinisekise uPJ ukuba xa kuvela ingxaki abakwaShoprite Checkers baya kuyibuyisa loo nto ngokukhawuleza kodwa ke unenkolo yokuba oku akwanele kuba kubangela abathengi banganeliseki. Abaphathi beevenkile bamele basebenzisane.
USibongile Khumalo, imvumi yeopera ethandwayo eMzantsi-Afrika uthe uthenga rhoqo kwaShoprite Checkers kwaye ekuphela kwesikhalo anaso kukuba le venkile ixinene ayivulekanga.
UWhitey uthe ezinye zezi suphamakethi zikwizakhiwo ezidala. Ukuxinana yinto edla ngokuba yingxaki kwiivenkile ezindala xa kukho imveliso elithotyiweyo ixabiso layo kuze kufuneke ibonakaliswe kakuhle ukuze ibonwe ngabathengi. Ngethamsanqa inkoliso yeevenkile zethu zikwizakhiwo zale mihla ngoko oko kuzenza zingabinayo le ngxaki.
USipho Hotstixs Mabuse uthe elona xesha lihle lokuthenga ukutya yintsasa yangeCawa. Ndiyabathanda
abakwaShoprite Checkers ngokuba yisuphamakethi yokuqala ukuvula ngeeCawa.
Uthe eyona nto ibalulekileyo ekuthengeni ukutya, lixabiso. Ubuze uWhitey ukuba uShoprite Checkers akanako na ukukhuphisana ngakumbi nezinye ivenkile.
Siyazidla kuba sikuphela kwevenkile enamaxabiso aphantsi. Ukuthethathethana ngamaxabiso aphantsi kunye nabathengi bethu kuyenye yezinto ezibalulekileyo. Sisoloko sifuna iindlela zokwenza amaxabiso ethu abephantsi. Kuyinyaniso ukuba sinabathengi abaninzi kunazo zonke iisuphamakethi zaseMzantsi-Afrika ngenxa yokuba sinamaxabiso aphantsi, utshilo uWhitey.
U-Alyce Chavanduka ubuze ukuba baya kuqalisa nini ukuvunyelwa ukuba aodole ukutya akuselwe ekhaya. Uthe asikuko ukuba uyonqena kodwa kungenxa yokusebenza iiyure ezininzi. Akukho nto ebuhlungu njengokufika ekhaya sekuhlwile uze ufumanise ukuba ayikho iti okanye ikofu, utshilo.
Ndineendaba ezintle nezimbi kumbuzo wakho Alyce, utshilo uWhitey. Ukuthenga kwabathengi besekhaya yinto esikhe sayizama kodwa asikhange siftunane abathengi abaninzi. Ndiyathemba ukuba loo nkonzo iza kufumaneka kwiminyaka embalwa ezayo xa iikhompyutha zokuthenga usemzini wakho ziza kusetyenziswa emakhayeni abantu baseMzantsi-Afrika, utshilo. l



68 BONA XHOSA - May 1996

		BONA XHOSA - May 1996 71

